Abantwana Bayalila

Abantwana Bayalila

By Philasande Wiseman Mfaba

WPR Cohort: 2018

Language: isiXhosa

Genre: Poetry collection

Le yimibongo ejonge imimandla emininzi, kodwa eyona nto ijolise kuye kakhulu kukulamlela uluntu ingakumbi abantwana kunye nabantu bastyhini abathi bazifumane sele bengamaxhoba okuxhatshazwa. Le mibongo ilumkisa abo benza abo bumdaka. Imbongi iphinde ikhuthaze uluntu ukuba lusebenze nzima, kuba inzuzo le yinto eza nombilo.

Buy on Kobo

Author Bio

Philasande Wiseman

UPhilasande Wiseman Mfaba wazalelwa eMatatiele eMpuma koloni apho ehlale khona iminyaka nje embalwa emva kokuba aye eGoli apho efunde khona amabanga aphantsi ukuyoma kumabanga aphezulu. Umbhali lo ukhulele eGoli eSoweto. uPhilasande uzalwa nguNomlindo Mfaba intombi yakwaDuma, uMaDlangisa wase Mount Frere kwilali yaseNkalweni. Amabanga aphantsi uwafunde eMagaret Gwele, aphezulu wona wawafunda eBhukulani Senior Secondary School. Imfundo ephakamileyo uyifunde eMpuma Koloni, eRhodes University apho enze khona isidanga se-B.A, I-PGCE kunye ne-Masters. Ukupapashwa kwale ncwadi lo wakwaMfaba wenza izifundo zakhe zee-Masters kwicandelo le-African Languages eRhodes University.

WPR