
WPR Cohort: 2020
Language: isiXhosa
Genre: Poetry collection
Amagqabantshintshi yingqokelela yemibongo yesiXhosa ejongene nezihloko ezahlukeneyo: ukholo, inkolo, ezopolitiko, ubuwena, nothando.
Buy on Kobo
UFuzile Koyana, omagama wambi anguMlungisi noKessler, uzalwa nguNomatshawe Rosetta Koyana. UFuzile ukhulele e-Site C eKhayelitsha, eKapa, ngo-2006 bafudukele eKuyasa. Esekumabanga aphantsi ubengumthandi wesiXhosa, ibisoloko isisifundo asithandayo, kunye nezembali. Ukhe wazibandakanya kwiintshukumo ezahlukileyo ezizamana nobulungisa kwiilokishi zaseKapa. Nokungena kwakhe edyunivesithi, iUWC, ukhe wayinxalenye yomnye wemibutho yabafundi. Kodwa uthe xa etshintshela eNMU, kuba umke engagqibanga eUWC, wabe eyishiya imigushuzo enokwenza nopolitiko, kuba esamkela inkolo yobuKrestu. Kodwa akayekanga ukusithanda isizwe esimnyama, nobulungisa kumntu wonke; kungoko aqokelele le mibongo, ebesoloko eyibhala xa evakalelwa kwizinto ezenzekayo kweli, wakhupha le ncwadi.
