Amagqabantshintshi

Amagqabantshintshi

By Mlungisi Koyana

WPR Cohort: 2020

Language: isiXhosa

Genre: Poetry collection

Amagqabantshintshi yingqokelela yemibongo yesiXhosa ejongene nezihloko ezahlukeneyo: ukholo, inkolo, ezopolitiko, ubuwena, nothando.

Buy on Kobo

Author Bio

Mlungisi

UFuzile Koyana, omagama wambi anguMlungisi noKessler, uzalwa nguNomatshawe Rosetta Koyana. UFuzile ukhulele e-Site C eKhayelitsha, eKapa, ngo-2006 bafudukele eKuyasa. Esekumabanga aphantsi ubengumthandi wesiXhosa, ibisoloko isisifundo asithandayo, kunye nezembali. Ukhe wazibandakanya kwiintshukumo ezahlukileyo ezizamana nobulungisa kwiilokishi zaseKapa. Nokungena kwakhe edyunivesithi, iUWC, ukhe wayinxalenye yomnye wemibutho yabafundi. Kodwa uthe xa etshintshela eNMU, kuba umke engagqibanga eUWC, wabe eyishiya imigushuzo enokwenza nopolitiko, kuba esamkela inkolo yobuKrestu. Kodwa akayekanga ukusithanda isizwe esimnyama, nobulungisa kumntu wonke; kungoko aqokelele le mibongo, ebesoloko eyibhala xa evakalelwa kwizinto ezenzekayo kweli, wakhupha le ncwadi.

WPR