
WPR Cohort: 2021
Language: isiXhosa
Genre: Short story collection
Le ncwadi ethi Amahleza yeyamabali amafutshane aqulathe imiba yobomi eyahlukeneyo yasentlalweni. La mabali axhobisa umlisela nomthinjana kunye noluntu ngokubanzi malunga nezinto ezibachaphazelayo neziqhubekayo, bezibona ngamehlo okanye beziva ngeendlebe, entlalweni. Ezinye zezi zinto ziyonwabisa, ezinye ziyafundisa ukanti ezinye ziyaxhobisa.
Buy on Kobo
UThulani Simayile wazalelwa waza wakhulela eMatatiele phantsi kweentaba zoKhahlamba. Amabanga akhe aphantsi wawafunda eUpper Mtumasi Junior Secondary School nalapho ibanga lesixhenxe waliphumelela ngodidi lokuqala (First Class), waza aphakamileyo wawafunda esinaleni saseRamafole, nalapho ibanga leshumi waliphumelela emagqabini (Exemption), ebalasele kwizifundo zeMathematika, iSayensi neBhayoloji. Emva koko waye wafunxa ulwazi kwimfundo enomsila kwiDyunivesithi yaseMzantsi Afrika (UNISA) neyaseStellenbosch. Uhlanga lokubhala lwamqala esesesinaleni, ethanda ukubhala amabali amafutshane kunye nemidlalwana yokulinganisa. Kungoku nje sele ebhale phantse lonke uhlobo loncwadi lwesiXhosa: isihobe, inoveli, idrama kunye namabali amafutshane.
