Iliwa libhek’ umoya

Iliwa libhek’ umoya

By Yonela Thengimfene

WPR Cohort: 2018

Language: isiXhosa

Genre: Poetry collection

Le ncwadi iqulethe imixholo encamis’ umxhelo kwanaleyo itsho kuthi xhungu emxhelweni wakucinga ngayo. Imalunga nendlela abantu abahlalisana baphathange ngayo, macala omabini – elihle nelibi. Likhwelo elirhiwula umz’ ontsundu ukuba uzikhumbule ukuba usisizwe esikhusana amagxa nesikhothana amanxeba. Asifaneleki yaye singakhani xa siyintlaba zahlukane.

Buy on Kobo

Author Bio

Yonela

NdingumXhosakazi oluthandayo ulwimi lwenkobe. Apha ebomini ndingakholwa ukuba isizwe esintsundu singabuyela eMbo, siqiniseke ukuba isintu nesithethe zizinto esigxila kuzo khon' ukuze abantu bangayilahli inkcubeko yabo. Ndingumntu ozingcayo ngolwimi lwam. Ndikhuthazeke kakhulu ngumama wam ondizalayo, uMam' uNomini Thengimfene ohlala ethetha ulwimi lwenkobe. Ndithe ndiselula ndafunda nto kuye. Kum ndiye ndazingca ndathwal' intshinga ngolwimi lwenkobe. Ndafumaniseka ukuba awungomntu ngaphandle kolwimi lwenkobe. IsiXhosa sithi ungalahl' imbo yakho ngophoyiyane. Ndifun' ukuthi singamaXhosa masingaphapheli ulwimi lwaseNtshona. Masizingce ngesiXhosa sethu.

WPR