Inkonyane ikhethwa kusakhanya

Inkonyane ikhethwa kusakhanya

By Luyanda Memela

WPR Cohort: 2022

Language: isiXhosa

Genre: Novella

Ingaba amaphupho siyakholelwa kuwo? Ukuba kunjalo loo nto ithi kufuneka sisebenze kusakhanya ukuze umcimbi wethu ube calanye. Kuba kaloku amathuba kufuneka siwasebenzise kuse kwangoko njengoLuzuko Mzongwana umlinganiswa wethu ophambili. Sibona intshisakalo yokuzama ukulungiselela ingomso lakhe kodwa ke indlela ihamba namajing' iqhiwu kodwa ekunyamezeleni ukhona umvuzo nakubeni ungaveli kwangoko

Buy on Kobo

Author Bio

Luyanda

ULuyanda Lloyd Memela wazalwa ngomhla we14 kwekaTshazimpunzi ngonyaka we1997. Wazalelwa kwilali yaseThembeni kwindawo yaseThafeni eMzimkhulu kwiphondo lakwaZulu Natal ezalwa ngumama uVuyelwa Irene Memela kunye notata uJohnson Mzwandile Memela ongasekhoyo. Ufunde kwisikolo saseDiepkloof Combined School apho athe waphumelela ibanga leshumi elinambini ngeDiploma NSC. Ufunde isiXhosa ukusukela ezantsi ukuya phezulu esifunda njengolwimi lwasekhaya. Wenze isidanga seUniversity Licentiate in Music Education kwiDyunivesity yaseWalter Sisulu eMthatha apho ebesenza khona isiXhosa kunye nomculo. Kwakhona wenza isidanga seBEd FET ARTS & CULTURE.Waqala ukubhala imibongo kunye namabali amafutshane ezingekapapashwa ngexesha eseseDiepkloof Combined School. Inkonyane ikhethwa kusakhanya yincwadi yakhe yokuqala.

WPR