
WPR Cohort: 2019
Language: isiXhosa
Genre: Novel
Le ncwadi ethi “isikhalo sakho nomdade siluncuthu kwezam iindlebe” ibalisa ngobomi bukaKwenzeka, ovezwa nje ngentombi enolunya, enomona, futhi ekholelwa emlingweni. Ukwenzeka ukhulele kwikhaya elinothando, imfundiso, ubutyebi, futhi elithobela uThixo, kodwa yena wavele waphuma ecaleni kuba wayengathobeli nenye into kwezi.
Buy on Kobo
Igama lam ndinguNasipi Soyizwapi. Ndizalwa nguVusumzi Soyizwapi uNozulu, kunye nentombi yakwaNgxabane kuQumbu uDisteria Pula. Ndizalelwe, futhi ndakhulela kwidolophu encinci ebizwa ngokuba yiUgie kwilali yaseGqaqhala. ISixhosa lulwimi lwam lwenkobe endithe ndaluncanca ebeleni ndiseyimveku, ndakhula ndaza ndayintombi kanantsi ndisaxhamla kulendebe ityebe kangaka yakwaXhosa. Ndikhule ndisazi ukuba isidima simntu sixhomekeke ekwazini umnombo wakhe ukutsho ke kukwazi ukuba uvela phi, uyaphi, ilele phi inkaba yakho? Konke ke oku ndikwazise ngokuthi ndizijule ijacu kwisiXhosa Sam senkobe. Ndibhale lencwadi ethi "Isikhalo Sakho Nomdade siluncuthu kwezam iindlebe" ngolwimi lwam lwenkobe, ngoko ke ndithi mzontsundu rhabul'ungafinci.
