
WPR Cohort: 2024
Language: isiXhosa
Genre: Short story collection
"Isisele Senyathi" ngokubhalwa ngu Aggrey Kutlwano Mavundla yingqokelela yamabali amafutshane anomtsalane njengoko elanda imvelaphi kwanenkcubeko yama Afrika. La mabali athelekisa ixesha lamandulo nexesha lanamhlanje. Ngamabali aneemfundiso ngeemfundiso njengoko kunintsi lwawo lucela umngeni kumfundi ukuba eze nesisombululo... Umbele ubhonxile, azi liphethwe ngubanina ithunga!?
Buy on Kobo
UAggrey Kutlwano Mavundla ngumhlohli ozinikeleyo kwanenkokheli yoluntu kwisithili saseMatatiele. Wafumana imfundo enomsila kwezemfundo kwiDyunivesithi iWalter Sisulu, waqhubela izifundo zakhe phambili kwiDyunivesithi yasePitoli apho wafumana isidanga kulawulo lwezemfundo. Usebenze njengotitshala nenqununu kwizikolo ngezikolo, ugqibele njengomqeqeshi weenqununu, amaqela olawulo lwezikolo iiSMT kunye namabhunga olawulo lwezikolo iiSGB ngokushunqulelwa esilungwini. Usebenzile kumaphephandaba kunye nezikhululo zosasazo kumaspalati ombaxa waseAlfred Nzo njengomqulunkqi nomsasazi. Ungomnye wabasunguli besikhululo sosasazo saseMatatiele apho wayengumlawuli weenkqubo zosasazo.
