Izinto Zehlabathi

Izinto Zehlabathi

By Zongezile Matshoba

WPR Cohort: 2018

Language: isiXhosa

Genre: Short reads

Le yincwadi yamabali amafutshane ngeyona ndlela. La mabali ahlekisayo agxile kwizinto zemihla ngemihla nezingeselwanga liso ncam. Amanye alamabali agxile kwimbali yethu, ngenjongo zokuyigcina iphila nakuncwadi.

Buy on Kobo

Author Bio

Zongezile

Uyakumfumana uZongezile Matshoba kwindawo ekufutshane nawe, nokuba kuseMdantsane, eRhini, eGugulethu e-Bullhoek, njalo njalo. Wodibana naye ebile esoma, esikolweni, eholweni, elalini, elokishini okanye ethafeni elimgquba-gqubana, ukuba nje apho kukho umnyhadala wababhali, uncwadi okanye kuxovulwa isakhona sabantwana be-Afrika ukuba nabo batshatshele ekufundeni, ingakumbi ngolwimi lwabo. Uncwadi lwakhe luzoba ngendlela enobuqhuza amahla ndinyuka uluntu ingakumbi elomzi ontsundu olujamelene nayo kulomhlaba umagad’ahlabayo. Konke oku iinjongo ikukhangela ukuba njengokuba kuculwa kalusizi u-Ndiyakulangazelela Jerusalema, iphelelephi na yona laa Kanana yobusi nobisi.

WPR