Loonto Abantu Abazoyiki Izinto

Loonto Abantu Abazoyiki Izinto

By Makhosandile Patrick Tisana

WPR Cohort: 2018

Language: isiXhosa

Genre: Novella

Elithi izicwangciso zezethu kodwa izigqibo zezoMdali liyinyani emsulwa. Nokufihliweyo ngumntu kuyabonwa yaye kuvezwa ekukhanyeni. Akulonyala ukuveza kwabathandana nabantu abasini sinye ngoba ekupheleni kosuku wonke umntu utsiba iziko emfihlakalweni. Akukho mntu onephupho lokuba ngeynye imini uyakuba ngumhlali wasezitalatweni kungekho kwamntu unalikhupha litsole athi akanoze ayingene intolongo.

Buy on Kobo

Author Bio

Makhosandile Patrick

Ndingu Makhosandile Patrick Tisana.Ndizalwa kwidolophana yasePaarl kwilokishi yaseMbekweni. Amabanga aphantsi uyokutsho kwaphezulu ndiwenzele kwizikolo zalapha eMbekweni ndathi emva kokuphumelela ibanga leshumi ndayokwenza iB.A. kwiDyunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC). Ngenxa yeemeko zemali ndanyanzeleka ndishiye isikolo ndiyokuxelenga kwimizi mveliso (Firm). Iimeko zobomi zandidudulela entolongweni kulapho ndiye ndanomdla wokufunda iincwadi nokumamela amabali abaliswa ngamanye amabanjwa.

WPR