Ubuyelekhaya

Ubuyelekhaya

By Vakalisa Victor Hlazo

WPR Cohort: 2019

Language: isiXhosa

Genre: Short story

Ukushiywa ngabazali kunyanzela uMkhanyiseli nomnakwabo uMxolisi ukuba balishiye ikhaya baye kuzama ubom eZamdela eSasolburg apho wayephangela khona umkhuluwa wabo. Intlalo eZamdela yakhawulelza yakrakra nakubeni yayithembisa ekuqaleni.

Buy on Kobo

Author Bio

Vakalisa Victor

Igama lombhali lo nguVakalisa Hlazo. UVakalisa wazalelwa kwiLali yaseMajuba eSterkspruit ngo1983. Ungumtwana wesithathu ekwa-yinci konyana bakaFikile Hlazo umNzolo. Uthe akuba minyaka isixhenxe wagqobhoka. Imfundo yamabanga aphantsi uyifumene eFree State kwilokishi yaseMatlakeng eZastron. Uthe akuphumelela ibanga leshumi ngo2001 waphumelela ibhaso lokuqhubekeka nemfundo enomsila kwiDyunivesithi yaseFree State eBloemfontein. Ube namagingxigingxi ke apho maxa wambi angafundi ahlale nje elokishini. Kodwa ude wasithweswa isidanga esiyiBSc ngo2009. Ngelixa aphumileyo esikolweni ukhe wasebenza njengomchweli izihlandlo zada zazibini. Uyasebenza ngoku kwisebe leEnvironmental Affairs laseFree State.

WPR