Uloyiso Lothando

Uloyiso Lothando

By Thembelihle Sokapase

WPR Cohort: 2019

Language: isiXhosa

Genre: Novelette

Ibali lilandela ubom babantu ababini — intombi nomfana. Intombi esaze ngobuso elizweni idibana nomfana oyithandayo. Kodwa ke lo mfana akayazi imvelaphi yale ntokazi, ubom bayo bangaphambili namabibi ehleli phezu kwawo. Ingaba indlela lo mfana ayijonga ngayo le ntokazi iza kutshintsha na xa ethe wayazi ukusuka nokuhlala?

Buy on Kobo

Author Bio

Thembelihle

NdinguThembelihle Sokapase. Ndazalwa ngomhla we17 kweyoMnga, 1990. Ndihlala eRhawutini ngoku kodwa ndizalelwe ndakhulela eMpuma Koloni kwiidolophu ezimbini: eGcuwa apho ndenze khona amabanga aphantsi, naseBhofolo apho ndenze khona amabanga aphakamileyo. Emva koko ndiye ndafumana imfundo enomsila kwiziko-mfundo iWalter Sisulu Univerity eMonti, apho ndifumene khona isidanga kwizifundo zeInformation Technology (IT). EMonti kukwalapho ndiqale khona ukubhala amabali amafutshane ndibhala ngesiNgesi kuphela ngezo ntsuku. Kodwa namhlanje ndizibhala zonke iindidi zoluncwadi (imidlalo, iinoveli, izincoko, amabali amafutshane, nemibongo) ngesiXhosa.

WPR