
WPR Cohort: 2022
Language: isiXhosa
Genre: Poetry collection
Le ncwadana sisikhumbuzo soBuntu nendlela ekubaluleke ngayo ukuba sizazi kwaye siyazi indlela esiyihambayo. Exesheni elininzi ke siye singayiboni intsingiselo nesidingo sokubambelela kumasiko nesithethe ethu kuquka kwananjalo nembali yethu oku kuphele kusibeka ekungciphekweni kokulahleka nokulahlekisana. Iinjongo zikaZatshoba kukukhumbuza abantu ngoBuntu.
Buy on Kobo
Igama lam ndinguRowen Qhawelamazizi Unathi Mbolekwa. Ndazalwa ndiliwele ngowe-1994, 21 KweyoMsintsi ndizalelwa kwiphondo leGauti, kodwa eminyakeni emibini sathathwa ukuyakukhuliselwa kwiphondo laseMpuma Koloni. Kulapho ke kucace khona kusekutsha ukuba ikhondo kwezobuchule kunye nokuzibonakalisa lubizo kum. Emabangeni aphantsi ndandizithanda kakhulu izicengcelezo, amabali nomculo kangangokuba sasidla ngokubizwa kunye newele ukuthi sizokuphinda izicengcelezo zeminyaka egqithileyo. Ndiqale ke ukubhala imibongo namabali ukuqala kwam isikolo samabanga aphezulu ngowama-2008 kwibanga lesibhozo. Ngoku ndifundela isidanga se-Bachelor kubhalo loyilo kwi-Dyunivesi yoMzantsi Afrika (UNISA).
